2 Kings 13:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa babencw̔aba indoda, bona ke, babona ibandla; baza bayiposa indoda leyo encw̔abeni lika‐Elisha; yati yakungena yacukumisa amatambo ka‐Elisha, yabuya yapila, yapakama pezu kwenyawo zayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela;bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, bakuba bengcwaba umntu, babona igquba; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ke kaloku amaSirayeli athile esangcwaba umntu, asuka abona iqela labahlaseli. Othuka, aza ke awuphosa engcwabeni likaElisha loo mzimba, wathi ke loo mzimba wakudibana namathambo kaElisha, suka waphila umntu lowo, wema ngeenyawo.