2 Kings 13:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova wabenofefe ngakubo, wabapata ngenceba, wababuka, ngenxa yocebano lwake no‐Abrahame, n o‐Yisake, no‐Yakobi; engavumanga ukubatshabalalisa, engabagxotanga ebusweni bake kanjalo, kwada kwakaloku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wawababala, wasikwa yimfesane ngawo, wawabheka ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi; akavuma ukuwonakalisa nokuwalahla ebusweni bakhe unangoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova waba nemfesane kuwo, waba nemfesane kuwo, waba nemfesane kuwo, ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi, akathanda ukubatshabalalisa, akabashiya phambi kobuso bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uNdikhoyo waba nesisa, wahlabeka, wavelana nawo ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi. Unanamhlanje ke akazimiselanga kuwatshabalalisa okanye awagxothe awabhebhethe kuphele.