2 Kings 13:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi, wabuya wazibamba esandleni sika‐Bene‐hadadi unyana ka‐Hazayeli izixeko ezo wabezibambile yena esandleni sika‐Yehowahazi uyise ngokulwa: ngamaxesha matatu u‐Yohashe wambetayo, wabuyisa izixeko zakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya uYehohashe unyana kaYehowahazi, wayithimba imizi kuBhen-hadade unyana kaHazayeli, awayeyithimbe yena kuYehowahazi uyise ngemfazwe. UYehohashe wamgxotha izihlandlo zazithathu wayibuyisa imizi yakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowashe unyana kaYowakashe wabuya wayithimba esandleni sikaBhen-hadade unyana kaHazayeli, izixeko abezithimbile kuYowaka uyise ngemfazwe. uYowashe wamxabela izihlandlo zazithathu, wazakha izixeko zakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uYowahashe unyana kaYowahazi wabuya wazithimba kuBhenadadi unyana kaHazayeli iidolophu awayezohluthe edabini esilwa noyise uYowahazi. Kwaba kathathu uYowahashe emoyisa, waza ke wazibuyisa iidolophu zamaSirayeli.