2 Kings 14:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Amatsiya ebengapulapuli. Ngako wenyuka u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli; baza babonana ngobuso, yena no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, e‐Bete‐shemeshe ekwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akaphulaphula uAmatsiya. Wenyuka ke uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe eyeyakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akaphulaphula uAmatsiya; Wenyuka ke uYowashe ukumkani wakwaSirayeli; bakhangelana ubuso, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe ezweni lakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule; ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli uYehowashe wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.