2 Kings 14:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
No‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, unyana ka‐Yehohashe, unyana ka‐Ahaziya, u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli wambamba e‐Bete‐shemeshe, weza e‐Yerusaleme, walucita udonga lwe‐Yerusaleme, kwa kulo isango lika‐Frayime kwada kwakulo isango legumbi, ikubite zingamakulu mane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, ikubhite ezimakhulu mane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowashe ukumkani wakwaSirayeli wamthabatha uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamsa eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waludiliza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wada wesa eBhete-shemeshe isango likaEfrayim. Isango leKona liziikubhite ezimakhulu mane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. UYehowashe waya eJerusalem, waza waludiliza udonga lwayo ukusukela kwiSango lakwaEfrayim, ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.