2 Kings 14:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yehohashe, oko wakwenzayo, namandla ake, nokuba wati nina ukulwa no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezinye izinto zikaYehohashe awazenzayo, nobukroti bakhe, nokulwa kwakhe noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke eminye imicimbi kaYowashe oko wakwenzayo namandla akhe nendlela awalwa ngayo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, akubhalwanga na encwadini yemicimbi yookumkani bakwaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.