2 Kings 14:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Juda, wahlala emveni kwokufa kuka‐Yehohashe unyana ka‐Yehowahazi, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka yalishumi elinamihlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wadla ubomi uAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, iminyaka elishumi linesihlanu emva kokufa kukaYehohashe, unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAmatsiya, unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYowashe, unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli.