2 Kings 14:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula bonke abantu bakwa‐Juda batabata u‐Hazariya, obeyiminyaka yalishumi elinesitandatu ubudala bake, bamenza ukumkani esikundleni soyise u‐Amatsiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, akubon ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, owayeneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise uAmatsiya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amaJuda xa ewonke athatha uAzariya, ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. UAzariya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.