2 Kings 14:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOMNYAKA weshumi linesihlanu ka‐Amatsiya unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Jerobome unyana ka‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane anamnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mane anamnye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka emashumi mane anamnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngonyaka weshumi elinesihlanu elawula uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda, uJerobhowam unyana kaYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya, waza walawula iminyaka emashumi mane ananye.