2 Kings 14:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesisalela semicimbi ka‐Jerobome, nako konke abekwenza, namandla ake, ukuba wati nina ukulwa, nokuba wati nina ukubuyisela ko‐Sirayeli i‐Damakusi ne‐Hamati yakwa‐Juda, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezinye izinto zikaYarobheham nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo, awayibuyisela ngabo iDamasko neHamati yakwaYuda kumaSirayeli, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amanye amazwi kaYarobheham, nako konke awakwenzayo, nobugorha bakhe, ukulwa kwakhe, nokuyibuyisela kwakhe iDamasko neHamati ezweni lakwaYuda kumaSirayeli, azibhalwanga encwadini yemicimbi kookumkani bakwaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezinye zeziganeko zolawulo lukaJerobhowam nemisebenzi nemizabalazo yakhe kwezemfazwe, ndawonye nendlela awayibuyisela kuSirayeli ngayo iDamasko neHamati, ndawo ezo yayizezakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.