2 Kings 14:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti abantwana bababulali akabafisa; njengako okuba̔liweyo encwadini yomteto ka‐Mosesi, apo uyehova ayaleleyo ngokuti: Oyise abayi kufiswa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kufiswa ngenxa yoyise; koko bonke ngabanye baya kufiselwa esabo isono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke oonyana bababulali abo akababulalanga, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, apho uYehova wayewise umthetho wokuthi, Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana, oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke oonyana bababulali akababulalanga, ngoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, awawisa umthetho ngawo uYehova, esithi, Aba oyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mababulawe engabulawanga ukufa kooyise; kodwa elowo uya kubulawa ngesakhe isono.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke akababulalanga oonyana bababulali abo, ngokwelizwi elibhaliweyo encwadini yomthetho kaMosis, apho uNdikhoyo athi: “Abazali abayi kubulawa ngenxa yabantwana, nabantwana abayi kubulawa ngenxa yabazali; umntu ngamnye uya kufela esakhe isono.”