2 Kings 14:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabulala ama‐Edome emhlanjeni we‐Tyuwa, ishumi lamawaka, wayibamba i‐Sela ngokulwa, walibiza igama layo ngokuti yi‐Yokitele, kwada kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawabulala amaEdom eSihlanjeni seTyuwa, ishumi lamawaka.Wayithimba ingxondorha ngokulwa; wathi igama layo yiYoketele unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabulala ishumi lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa waza wayithimba iSela edabini, wayibiza ngokuba yiYoketeli de kube namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguye owoyisa ishumi lamawaka amaEdom kwiNtili yeTyuwa, wathimba iSela awayibiza ngokuthi yiYoketele, gama elo lisasetyenziswayo unanamhla.