2 Kings 14:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Yehohashe ukumkani wo‐Sirayeli watumela ku‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, ukuti: Umtolo obuse‐Lebanone watuma kuyo isedare ebise‐Lebanone, usiti: Nika intombi yako kunyana wam ibe ngumfazi: saza sadlula isilo sasendle esibe sise‐Lebanone, sawunyatela umtolo lowo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon laliwela, lalibhuqa, ikhakakhaka elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, iTeshelo yaseLebhanon yathumela kumsedare oseLebhanon, isithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukumkani uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmaziya ukumkani wakwaJuda, wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon, usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam.’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.