2 Kings 15:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko u‐Menaheme wayibeta i‐Tipesahi, nabo bonke abakuyo, nemida yayo, esuka e‐Tiretsa; ngokokuba bekungamvulelwanga, kukona wayibetayo; bonke abamitiyo bayo wabaqangqulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uMenahem wachitha iTifesa nento yonke ebikuyo, nemida yayo, ephuma eTirtsa; ngokuba ingamvulelanga, wayixabela;wabaqangqulula bonke abamithiyo kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uMenahem wayixabela iTifsa nento yonke ebikuyo, nelizwe layo, kwathabathela eTirtsa; ngenxa enokuba bengamvulelanga, wasuka waboyisa; wabaqwenga bonke abamithiyo ababekuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha ke uMenahem wasuka eTirza, wahlasela iTifesa nabo bonke ababekweso sixeko nemimandla. Kaloku bona basuka bala ukuvula amasanga abo bezinikezela kuye. Wavuthulula bonke apho, wada wagrabhuza nabafazi abakhulelweyo.