2 Kings 15:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomnyaka wamashumi matatu anesitoba ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Menaheme unyana ka‐Gadi pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi e‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uMenahem unyana kaGadi kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uMenahem, unyana kaGadi, kwaSamari, iminyaka yalishumi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anethoba uAzariya elawula kwaJuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya ishumi leminyaka.