2 Kings 15:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone, yonke imihla yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli, yonke imihla yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza okubi emehlweni kaYehova, yaye akazange atyeke kwizono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. Ngalo lonke ithuba lombuso wakhe akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo.