2 Kings 15:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nemali leyo wayibiza u‐Menaheme ko‐Sirayeli, kubo bonke abakulu ngobutyebi, ize inikwe kuye ukumkani we‐Asiriya, ishekele zesilivere ezingamashumi mahlanu kubo bonke ngabanye. Waza wabuya ukumkani we‐Asiriya, engahlali kona elizweni apo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMenahem wayibiza isilivere leyo kumaSirayeli, kumadoda onke azizityebi, ukuba anike ukumkani waseAsiriya: yangamashumi omahlanu eeshekele zesilivere kumntu emnye. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya; akahlala ezweni elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMenahem wayibiza imali yamaSirayeli kumadoda onke okulwa, ukuba anike ukumkani waseAsiriya iishekele ezimashumi mahlanu zesilivere. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya, akaba sahlala kwelo zwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.