2 Kings 15:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, injengele yake, waceba ngakuye, wambeta e‐Samariya, enqatyeni yendlu yokumkani, kunye no‐Ragobi no‐Ariye, namadoda amashumi mahlanu elusatsheni lwama‐Gileyadi ndawonye naye: wambulala ke, waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UPeka, unyana kaRemaliya, umphathi-mkhosi wakhe, wamceba wamxabela kwaSamari enqabeni yendlu yokumkani, noArgobhi noAriye, enamadoda angamashumi omahlanu koonyana bamaGiliyadi;wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uPeka unyana kaRemaliya, intloko yakhe, wamvukela waza wambulala eSamariya kwibhotwe lendlu kakumkani, kunye noArgobhe noAri kunye namadoda angamashumi amahlanu akuGiliyadi; wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Elinye lamaphakathi akhe injengele uPeka unyana kaRemaliya wamenzela iyelenqe. Wathatha amashumi amahlanu kumadoda aseGiliyadi, waza wambulala uPekaya ndawonye noArgobhi noAriye enqabeni yebhotwe lakomkhulu eSamariya. Ewe, uPeka wambulala uPekaya, waza ke wangena esikhundleni sakhe.