2 Kings 15:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomnyaka wamashumi mahlanu anesibini ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omahlanu anamabini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPeka, unyana kaRemaliya, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamashumi mabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omahlanu anesibini ka-Asariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uPeka, unyana kaRemaliya, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka emashumi mabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wamashumi amahlanu anambini elawula uAzariya kwelakwaJuda, uPeka unyana kaRemaliya waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya iminyaka emashumi mabini.