2 Kings 15:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emihleni ka‐Pekahi ukumkani wo‐Sirayeli, weza u‐Tigilate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya, wabamba i‐Hiyone, ne‐Abele‐bete‐mahaka, ne‐Yanoha, ne‐Kedeshe, ne‐Hatsore, ne‐Gileyadi, ne‐Galili, lonke ilizwe lakwa‐Nefatali, n abantu wabafudusela e‐Asiriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wayithabatha i-Iyon, neAbhele-bhete-mahaka, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, nelaseGiliyadi, nelaseGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali;wabathimba, wabafudusa wabasa eAsiriya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, walithimba i-Iyon, neAbhele-bhete-maga, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, neGiliyadi, neGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali; Wafuduselwa eAsiriya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha likaPeka, ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere weza wafika wathimba i-Iyon, iAbhele-bhete-mahaka, iYanowa, iKedeshe, neHazore. Wayithimba neGiliyadi ndawonye neGalili (lonke elikaNafetali), waza abemi wabafudusela eAsiriya.