2 Kings 15:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Hosheha unyana ka‐Ela wenza ingcebiswano ngakuye u‐Pekahi unyana ka‐Remaliya, wambeta, wambulala, waba ngukumkani esikundleni sake, ngomnyaka wamashumi mabini ka‐Yotame unyana ka‐Huziya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHoseya unyana kaEla wamceba uPeka unyana kaRemaliya, wamxabela, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe ngomnyaka wamashumi amabini kaYotam, unyana kaUziya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHoseya, unyana kaEla, wamvukela uPeka unyana kaRemaliya, wambulala, waza waqalisa ukulawula esikhundleni sakhe ngonyaka wamashumi amabini kaYotham unyana kaUziya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uHosheya unyana kaEla wamenzela iyelenqe uPeka unyana kaRemaliya. Suka wamhlasela wambulala, waza wangukumkani esikhundleni sakhe xa uYotam unyana kaUziya wayekunyaka wamashumi amabini elawula kwaJuda.