2 Kings 15:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo. Yena walaka isango lasentla lendlu kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. Yena walakha isango langasentla lendlu kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke iziganga azisuswanga; abantu babebingelela ezigangeni, nomsi wawunyuka unyuka. Wakha isango eliphezulu lendlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe, abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo.