2 Kings 15:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati uyehova wambeta ukumkani, ukuba waba lileperi kwada kwayimini yokufa kwake, wahlala endlwini eyahlukileyo. Waye u‐Yotame unyana wokumkani ebepezu kwendlu, egweba abantu belizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe; wahlala endlwini eyodwa. Ke uYotam, unyana wokumkani, ebephethe ibhotwe, ebalawula abantu belizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe, wahlala kwenye indlu. uYotam, unyana wokumkani, ubephethe indlu, ebalawula abantu belizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani lowo ke wabandezelwa *ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.