2 Kings 15:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOMNYAKA wamashumi matatu anesibozo ka‐Hazariya ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani u‐Zekariya unyana ka‐Jerobome pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya inyanga zantandatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uZekariya, unyana kaYarobheham, kumaSirayeli kwaSamari, iinyanga ezintandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uZekariya, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, iinyanga zantandathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo uAzariya engukumkani wakwaJuda, uZakariya unyana kaJerobhowam waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya isithuba seenyanga ezintandathu.