2 Kings 16:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani u‐Ahazi wamyalela u‐Huriya umperisite, ngokuti: Pezu kwesibingelo esikulu tshisa idini lokutshiswa lokusa, nomnikelo wokudla wokuhlwa, nedini lokutshiswa lokumkani, nomnikelo wokudla wake, nedini lokutshiswa labo bonke abantu belizwe, nomnikelo wokudla wabo, neminikelo yokusela yabo; nalo lonke igazi ledini lokutshiswa, nalo lonke igazi lombingo, lisasaze pezu kwaso: nesibingelo sexina ndiya kuzindla ngaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhazi ukumkani wamwisela umthetho u-Uriya umbingeleli, wathi, Phezu kwesibingelelo esikhulu qhumisela ngedini elinyukayo lokusa, nangomnikelo wokudla wangokuhlwa, nangedini elinyukayo lokumkani, nangomnikelo wakhe wokudla, nangedini elinyukayo labantu bonke belizwe, nangomnikelo wabo wokudla, nangeminikelo yabo ethululwayo, utshize kuso ngegazi lonke ledini elinyukayo, negazi lonke lombingelelo; ke sona isibingelelo sobhedu ndiya kukha ndibuzise ngaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uAhazi wamwisela umthetho u-Uriya umbingeleli, wathi, Kwisibingelelo esikhulu qhumisela idini elinyukayo lakusasa, nedini langokuhlwa, nedini elinyukayo lokumkani, nedini lakhe elinyukayo, nedini elinyukayo labantu bonke belizwe, nedini elinyukayo labantu nomnikelo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo; lonke igazi ledini elinyukayo, nalo lonke igazi lombingelelo, litshize phezu kwalo; yaye isibingelelo sebandla siya kubonakala kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uAhazi wayalela umbingeleli u-Uriya wathi: “Kweli qonga litsha likhulu yenza amadini atshiswayo akusasa, namadini eenkozo asemalanga, amadini kakumkani atshiswayo, ndawonye namadini akhe eenkozo, kunye namadini atshiswayo abantu beli lizwe, ndawonye namadini abo eenkozo kunye nathululwayo. Apho eqongeni ke uze ufefe ngegazi lawo onke amadini atshiswayo. Ke lona iqonga lobhedu ndolisebenzisa xa ndifuna isikhokelo.”