2 Kings 16:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ebeyiminyaka imashumi mabini u‐Ahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesitandatu e‐Yerusaleme; waye engenzi okufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wake, njengaye u‐Davide uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Akakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe, njengoDavide uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem; akenzanga okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe, njengoDavide uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.