2 Kings 16:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebehamba endleleni yokumkani bo‐Sirayeli; ewe, nonyana wake wamdlulisa emlilweni, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, abo wabagqogqayo uyehova pambi kwosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli; kananjalo wamcandisa emlilweni unyana wakhe, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waqhubeka ehamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, wamvumela unyana wakhe ukuba acande emlilweni, ngokwezinto ezicekisekayo zeentlanga ezo uYehova wazigxothayo phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.