2 Kings 16:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko wenyuka u‐Retsine ukumkani we‐Siriya, no‐Pekahi unyana ka‐Remaliya ukumkani wo‐Sirayeli, ukuya e‐Yerusaleme, kuze kuliwe: baza bamvingcela u‐Ahazi, kodwa bakohlwa kukwoyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaza kwenyuka uRetsin, ukumkani wakwa-Aram, noPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, beza kulwa eYerusalem;bamngqinga uAhazi, ababa nako ukumeyisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uRetsin ukumkani wakwa-Aram noPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli benyuka baya eYerusalem ukuze balwe, bamngqinga uAhazi, kodwa abazange bamoyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uRezin, ukumkani wakwa-Aram, kunye noPeka, unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, basuka bahlasela iJerusalem, bayingqinga nakuba bengayoyisanga.