2 Kings 16:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngeloxesha u‐Retsine ukumkani we‐Siriya wabuyisela i‐Elate kuma‐Siriya, wawagxota ama‐Juda e‐Elate; andula ama‐Siriya eza e‐Elate, ahlala kona kude kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha uRetsin ukumkani wakwa-Aram wayibuyisela iElati kuma-Aram, wawagxotha amaYuda e-Elati. Eza ama-Aram e-Elati, ahlala khona unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uRetsine ukumkani wakwa-Aram wayibuyisela iElati kwa-Aram waza wawagxotha amaYuda e-Elati; Afika ke ama-Aram e-Elati, ahlala khona unanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke ukumkani uRezin wakwa-Aram wayibuyisela kwa-Aram iElati, wabagxotha kuyo abantu bakwaJuda. Aza ke angena ema khona amaSiriya unanamhla.