2 Kings 16:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Ahazi watuma izigidimi ukuya ku‐Tigilate‐pilesere ukumkani we‐Asiriya, esiti: Mna ndingumkonzi wako nonyana wako; nyuka, uze undisindise esandleni sokumkani we‐Siriya, nasesandleni sokumkani wo‐Sirayeli, abasukelayo ngakum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela abathunywa uAhazi kuTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho, ndingunyana wakho;nyuka uze kundisindisa esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, abandivunukeleyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhazi wathumela abathunywa kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho nonyana wakho; nyuka undisindise esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, oya kufikayo ngokuchasene nam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhazi ke wathumela izigidimi kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, esithi kuye: “Mna ndisisicaka nebamba lakho; ngoko ke nceda uze kundihlangula, naku ndihlaselwa ngukumkani wakwa-Aram ekunye nowakwaSirayeli.”