2 Kings 17:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaqumisa kwa kona kuzo zonke indawo ezipakamileyo, njengabaheyideni abebafudusile uyehova ebusweni balo; lwenza nezinto ezikohlakeleyo ukumqumbisa uyehova:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
baqhumisela khona ezigangeni zonke, njengeentlanga awazifudusayo uYehova ebusweni babo. Benza izinto ezimbi zokumqumbisa uYehova;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baqhumisa umsi ezigangeni zonke, njengoko zenjenjalo iintlanga awazikhokelayo uYehova phambi kwabo; yaye benza izinto ezimbi ukuze bamcaphukise uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli ayesenza iziqhumiso kuzo zonke iinduli zawo zonqulo, mkhwa lowo ke wawusenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo phambi kokuba afake amaSirayeli khona. Ewe, ayesenza izinto azichasileyo uNdikhoyo; ngaloo ndlela ke awuxhokonxa umsindo wakhe.