2 Kings 17:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Balahla nemimiso yake, nocebano lwake owabelwenzile noyise babo, nezinqi̔no zake abezinqi̔nile ngakubo, bahamba emva kwokungendawo, bada baba ngabangendawo, nasemva kwabaheyideni ababangqongayo, abo uyehova ebebayalele ukuba mabangenzi njengabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayicekisa imimiselo yakhe, nomnqophiso wakhe awawenzayo nooyise babo, nezingqino zakhe awazingqinayo kubo; balandela izinto ezingento, baba ziinto ezingento, balandelana neentlanga ezibangqongileyo, awayebawisele umthetho uYehova ngazo, ukuba bangenzi njengazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayigatya imithetho yakhe nomnqophiso awawenzayo nookhokho babo, nobungqina bakhe awayebungqinele kubo; balandela ilize, aba nto, balandela iintlanga ezibangqongileyo, awabawiselayo umthetho uYehova ukuba bangenzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Basuka bayibukula imimiselo kunye nomnqophiso awayewenze kunye nooyise, abazikhathalela nezilumkiso awabayala ngazo. AmaSirayeli asuka alandelana nemifanekiso ephuthileyo, aza kananjalo nawo aphutha. Asuka alinganisa iintlanga ezaziwangqongile, nangona uNdikhoyo wayewayalile wathi: “Ze ningayilandeli imikhwa yazo.”