2 Kings 17:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba wabaṙazula o‐Sirayeli kuyo indlu ka‐Davide; bati bona bamenza u‐Jerobome unyana ka‐Nebati ukumkani: waza u‐Jerobome wabakukulisa o‐Sirayeli ekumlandeleni uyehova, wabenza bone isono esikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; aza amenza ukumkani uYarobheham unyana kaNebhati. UYarobheham wawawexula amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; bamenza ukumkani uYarobheham, unyana kaNebhati; uYarobheham wawagxotha amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi akumahlula uSirayeli kwindlu kaDavide, suka uSirayeli wathatha uJerobhowam unyana kaNebhati, wamenza ukumkani. UJerobhowam lowo ke wamwexula uSirayeli ekulandeleni uNdikhoyo, wamlukuhla, wamfaka kwisonokazi esikhulu.