2 Kings 17:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wada uyehova wabasusa o‐Sirayeli ebusweni bake, njengokuba ebetetile ngazo zonke izicaka zake abaprofite. Kwa njalo o‐Sirayeli bebefuduswa emhlabeni wabo bafudus elwa e‐Asiriya, kwada kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wada uYehova wawasusa amaSirayeli ebusweni bakhe, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Afuduswa ke amaSirayeli emhlabeni wawo, asiwa eAsiriya, unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
wada uYehova wamsusa amaSirayeli kuye, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Bafuduselwa ke oonyana bakaSirayeli ezweni labo, basiwa eAsiriya unanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wada ke uNdikhoyo wawagxotha ngokwesilumkiso awayesenze ngomlomo wezicaka zakhe abashumayeli. Ngoko ke amaSirayeli afuduswa kwelakowawo, agxothelwa eAsiriya, apho asekhona ke unanamhla.