2 Kings 17:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute ekuqaleni kwokuhlala kwabo kona, babe bengamoyiki uyehova; waza uyehova watuma pakati kwabo ingonyama, ezababulalayo inxenye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, abamoyika uYehova;uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ekuhlaleni kwabo khona abamoyika uYehova; uYehova wathumela iingonyama phakathi kwabo, zababulala abanye kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekungeneni kwabo khona zange bamnqule *uNdikhoyo; ngoko ke wabathumela ngeengonyama ezababulalayo abanye abantu.