2 Kings 17:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako bateta kukumkani we‐Asiriya, besiti: Izizwe ozifudusileyo, nozihlalisileyo ezixekweni zase‐Samariya, azilazi isiko lake utixo welizwe; ngako utumile ingonyama pakati kwazo, kanjalo bona ke, zizibulala, ngokokuba zingalazi isiko lake utixo welizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathetha ke kukumkani waseAsiriya, bathi, lintlanga ozifudusileyo, wazibeka emizini yelakwaSamari, azilazi isiko loThixo weli lizwe; uzithumele ke iingonyama; yabona, ziyazibulala, ngokokuba zingalazi isiko loThixo weli lizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathetha ngoko kukumkani waseAsiriya, bathi, Izizwe owazigqogqayo, wazinikela ukuba zime emizini yakwaSamari, zona aziyazi indlela yoThixo welo lizwe ke ngoko, wathumela iingonyama phakathi kwabo, zababulala, ngenxa yokuba bengayazi indlela yoThixo wehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathetha nokumkani waseAsiriya, wafumana umyalezo othi: “Abantu owabafudusela kwiidolophu zaseSamariya abayazi indlela yokunqula uThixo wakhona. Ngoko ke ubathumelele iingonyama ezibabulalayo, kuba kaloku abo bantu abawazi amasiko awafunayo uThixo wakhona.”