2 Kings 17:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waxela ukumkani we‐Asiriya, esiti: Mseni apo omnye kubaperisite enibe nibafudusa kwa kona; mabaye bahlale kona: andule azifundise isiko lake utixo welizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Yisani apho omnye wababingeleli enabafudusa khona, aye ahlale khona, abafundise isiko loThixo weli lizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawisa umthetho ukumkani waseAsiriya wathi, Thabatha abe mnye kubabingeleli enabakhuphayo khona; mabahambe, bahlale khona, babafundise indlela yoThixo wehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani waseAsiriya wanika umyalelo othi: “Thathani omnye kubabingeleli enabathimba eSamariya, niye kumhlalisa khona, ukuze afundise abo bantu indlela anqulwa ngayo uThixo wakhona.”