2 Kings 17:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa uyehova, obeninyusa elizweni le‐Jipete ngamandla amakulu nangengalo eyolulweyo, nguye eniya kumoyika, napambi kwake niya kutoba, nakuye niya kubingelela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nguYehova yedwa owaninyusayo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu nangengalo eyolukileyo; nguye eniya koyika yena, nimnqule, nibingelele kuye;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena uYehova, owanikhuphayo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu, nangesandla esolukileyo, yena yedwa eniya kumoyika, nithandaze kuye, nibingelele kuye;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eniya kunqula yena nguNdikhoyo, yena wanikhululayo kwelaseJiputa ngaloo mandla obungangamsha bakhe angoyiswa nto. Nguye enifanele ukuguqa kuye, nimenzele amadini.