2 Kings 17:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukumkani we‐Asiriya wafumana ingcebo ku‐Hosheha, ekubeni wabetumile izigidimi ku‐Soe ukumkani we‐Jipete, nokuba engasanga umnikelo kukumkani we‐Asiriya, njengokuba ebenje njalo ngomnyaka ngomnyaka; ngako ukumkani we‐Asiriya wamvalela, wamnxiba entolongweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wamfumana uHoseya eliphamba, ngokuthi athume izigidimi kuSo, ukumkani wamaYiputa, angawunyusi awuse umnikelo kukumkani waseAsiriya, njengokweminyaka ngeminyaka; ukumkani waseAsiriya wamvalela ke, wamkhonkxa entolongweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ukumkani waseAsiriya wabona icebo lesiphithiphithi kuHoseya, ngenxa yokuba wathumela abathunywa kukumkani waseYiputa yaye akazange azise isipho kukumkani waseAsiriya njengoko wayesenza minyaka le; ke ngoko, ukumkani waseAsiriya wamvalela entolongweni, waza wamkhonkxa entolongweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waseAsiriya wafumanisa ukuba uHosheya umgwilikele, kuba wayethumele oonozaku-zaku kukumkani waseJiputa onguSo, futhi ke engasayikhuphi imirhumo awayefudula eyikhupha minyaka le. Ngoko ke uShalmanesere wambamba wamvalela entolongweni uHosheya.