2 Kings 17:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ezizizwe zamoyika uyehova, nemifanekiso eqingqiweyo yazo zayikonza; kanjako abantwana bazo, nabantwana babantwana bazo, njengokuba bebesenza oyise babo, bayenza bona kude kube namhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zaye zisithi ke ezo ntlanga zoyike uYehova, zikhonze nemifanekiso yazo eqingqiweyo kananjalo abantwana bazo, nabantwana babantwana bazo, njengoko benza ngako ooyise, benza ngako nabo unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezi ntlanga zazimoyika uYehova, zikhonza nemifanekiso yazo eqingqiweyo, oonyana bazo noonyana boonyana bazo; njengoko benza ngako ooyise, baseyenza nanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aba bantu babesithi bemnqula nje uNdikhoyo, kodwa babe beyinqula nemifanekiso yabo eqingqiweyo. Unanamhla ke abantwana babo, nditsho nesizukulwana, basathene nca nezo ndlela zooyise-mkhulu.