2 Kings 17:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wenyuka ukumkani we‐Asiriya waya kulo lonke ilizwe; wenyukela nase‐Samariya, wayivingcela iminyaka yamitatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani waseAsiriya waligqiba lonke ilizwe; wenyuka waya kumzi wakwaSamari, wawungqinga iminyaka emithathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani waseAsiriya walityhutyha lonke ilizwe, wayihlasela iSamari, wayingqinga iminyaka emithathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ukumkani waseAsiriya wahlasela elo lizwe liphela; ke yona iSamariya wayingqinga iminyaka emithathu.