2 Kings 17:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomnyaka wesitoba ka‐Hosheha wayibamba ukumkani we‐Asiriya i‐Samariya, wabafudusela o‐Sirayeli e‐Asiriya, wabahlalisa e‐Halahi, nase‐Habore, ngasemlanjeni we‐Gozane, nasezixekweni zama‐Medi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani waseAsiriya wawuthimba umzi wakwaSamari, wawafudusela amaSirayeli eAsiriya, wawabeka eHala, naseHabhore, emlanjeni oyiGozan, nasemizini yamaMedi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngonyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani waseAsiriya wayithimba iSamariya waza wathimba oonyana bakaSirayeli wabasa eAsiriya, wababeka eHala naseHabhore entlanjeni yomlambo waseGoshan nakwizixeko zamaMedi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe ke kunyaka wethoba elawula uHosheya, suka ukumkani waseAsiriya wayoyisa iSamariya, waza amaSirayeli lawo wawafudusela eAsiriya. Wawahlalisa eHala nakwiGozan ephezu komlambo iHabhore, ngokunjalo nakwiidolophu zamaMedi.