2 Kings 17:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kube kute, ukuba usapo luka‐Sirayeli lube lwonile ngakuye uyehova, utixo walo, owabelunyusile elizweni le‐Jipete, kwa pantsi kwesandla sika‐Faro ukumkani we‐Jipete, nokuba beluboyikile otixo bambi,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwenzeka oko kuba oonyana bakaSirayeli bonayo kuYehova uThixo wabo, owabanyusayo ezweni lamaYiputa, wabarhola phantsi kwesandla sikaFaro ukumkani waseYiputa; boyika thixo bambi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba oonyana bakaSirayeli bonayo kuYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa ngesandla sikaFaro ukumkani waseYiputa, boyika thixo bambi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ntlekele ke yamhlela uSirayeli kuba emonile *uNdikhoyo uThixo wakhe owaya kumkhuphulula wamkhulula eJiputa phantsi kwesandla esingqongqo sokumkani wakhona. Basuka banqula thixo bambi,