2 Kings 18:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bayitimba ekupeleni kweminyaka mitatu; ngomnyaka wesitandatu ka‐Hezekiya, obungumnyaka wesitoba ka‐Hosheha ukumkani wo‐Sirayeli, yatinjwa i‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawuthimba ekupheleni kweminyaka emithathu, ngomnyaka wesithandathu kaHezekiya (lowo ngumnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli); wathinjwa ke umzi wakwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayithimba ekupheleni kweminyaka emithathu, kwathi ngonyaka wesithandathu kaHezekiya, oko kukuthi, umnyaka wesithoba kaHoseya, ukumkani wakwaSirayeli, yathinjwa iSamari.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekupheleni kweminyaka emithathu ama-Asiriya lawo ayoyisa iSamariya, yaza ke yaba ithinjiwe ngonyaka wesithandathu kaHezekiya, owawungunyaka wethoba kakumkani uHosheya wakwaSirayeli.