2 Kings 18:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngexesha elo u‐Hezekiya wazinqumla ingcango zetempile kayehova, nentsika abezalekile u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, igolide yazo, wayinika kuye ukumkani we‐Asiriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha uHezekiya wayinqamla igolide yeengcango zetempile kaYehova, nemigubasi abeyalekile uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uHezekiya wayikrola igolide kwiingcango zetempile kaYehova nakwimigubasi awayeyigqume uHezekiya ukumkani wakwaYuda, wayinika ukumkani waseAsiriya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo ke uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, ngelo xesha wayixobula negolide awayetyabeke ngayo iingcango nemigubasi yendlu kaNdikhoyo, wayinika ukumkani waseAsiriya.