2 Kings 18:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukumkani we‐Asiriya wasusa u‐Taretane, no‐Rabesarise, no‐Rabeshake, e‐Lakishe, ukuya nempi enkulu kukumkani u‐Hezekiya e‐Yerusaleme. Benyuka ke beza e‐Yerusaleme. Bati bakuba benyukile, beza bema ngakuwo umjelo wecibi lasentla, elingasemendweni wentsimi yomsuki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani waseAsiriya wasusa uTartan noRabhesarisi noRabheshake eLakishe, baya kukumkani uHezekiya eYerusalem, benempi enzima. Benyuka baya eYerusalem. Benyuka ke, bafika, bema emjelweni wechibi langasentla, osemendweni wentsimi yomsuki weengubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani waseAsiriya wasusa uTartan noRabhesarisi noRabheshe eLakishe, baya kukumkani uHezekiya eYerusalem, benempi enzima. Benyuka, beza eYerusalem. Benyukile ke, bafika, bema emseleni wechibi eliphezulu, endleleni ephambili yentsimi yokuhlambela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wathi eseLakishe wathumela ukumkani uHezekiya eJerusalem umkhosi omkhulu uphantsi kwenjengele yakhe, nengqwayi-ngqwayi engumaqhuzu, ndawonye nengqwayi-ngqwayi ebhexeshayo. Wakufika eJerusalem loo mkhosi, wema kwindlela ebheka apho kusetyenzwa khona amalaphu, ngakumjelo otsala amanzi kwiqula elingentla.