2 Kings 18:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uti, (kanti lilizwi lomlomo wodwa), kuko icebo namandla ukulwa. Kaloku utemba kubanina, ukuba uvukele ngakum?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi (uthetha into yomlomo wodwa), uneqhinga nobugorha bokulwa. Ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthi (uthetha into engento): Ndinenjongo nobugorha bokulwa. Khona umthembile bani ukuba undijike?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuzilibali unamacebo nobuchule bomkhosi onamandla. Awu, waza walavuza kambe! Ukholose ngabani, undivukela nje?