2 Kings 18:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaloku bona ke, uyatemba kulomsimelelo wengcongolo etyumzekileyo, kwi‐Jipete; eti ukuba umntu uyayama ngayo, yandule ingene esandleni sake, isihlabe: unjalo u‐Faro ukumkani we‐Jipete kubo bonke abatembayo kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe. Unjalo uFaro, ukumkani waseYiputa, kubo bonke abakholose ngaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabona, ukholose ngeYiputa, le ngcongolo evikivekileyo, ethi, othe wayama ngayo, imngene esandleni, imhlabe; uya kuba njalo kuFaro, ukumkani waseYiputa, nakubo bonke abakholose ngaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jonga, ndiyazi ukuba uthembele ngeJiputa. Xa ingubani yona, umsimelelo ofana nengcongolo entlekekileyo, ojika uhlabe izandla zomntu osimelela ngawo, umtsho abe namanxeba. Ewe, unjalo ukumkani waseJiputa; ubenjenjalo bonke abakholosa ngaye.