2 Kings 18:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, uke ungene ekulweni nenkosi yam ukumkani we‐Asiriya, ndandiya kukunika amahashe angamawaka mabini, ukuba ungati ngecala lako unike abakweli pezu kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawubekelane kaloku nenkosi yam ukumkani waseAsiriya:ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ukundinika abakhweli bokukhwela kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, yenza isivumelwano nokumkani wam, ukumkani waseAsiriya, yaye ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unokukhwelisa abakhweli kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Hayi bo! Yiza kaloku, ukhe unqophisane nenkosi yam, umhlekazi ukumkani waseAsiriya. Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unganabo abakhweli.