2 Kings 18:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, no‐Shibena, no‐Jowahi, kuye u‐Rabeshake: Kautete kwizicaka zako ngesi‐Siriya, ngokuba sisiva tina; zungateti nati ngesi‐Juda, ezindlebeni zabantu abapezu kwodonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uEliyakim, unyana kaHilekiya, noShebhena, noYowa, kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva. Musa ukuthetha nathi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uEliyakim unyana kaHilekiya noShebhena noYowaki bathi kuRabheshake: “Thetha kubakhonzi bakho ngesiSiriya; ngokuba siyasiva, anithethi kuthi ngesiYuda, ukuze nive abantu abaseludongeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba ke uEliyakim unyana kaHilekiya, noShebhena, noJowa, babhekisa apho kwingqwayi-ngqwayi engumbhexeshi, bathi: “Khawuncede ukhumshe isiAram, mhlekazi; izicaka zakho ezi ziyasiqonda. Musa ukuthetha nathi ngesiHebhere, hleze kuve naba bantu baseludongeni.”